






Kufuneka	ubuze kwidesika yemibuzo ebhanki xa kukho into ongayiqondiyo.



Imali onokuyitsala
Ezinye iibhanki zifuna ibhale ngamazwi nangamanarii imali oyitsalayo. Makhe siqwatasete oko:

Ukubhala imali ngamanani nangamazwi
Abantu abaninzi abatsala imali okanye abafaka imali baphatha amakhulu-khutu okanye amawaka-waka eerandi. Kwiifomu zeebhanki ezininzi kufuneka imali uyibhale ngamazwi nangamanani. Makhe siziqhelise ekuyibhaleni. enza lo msebenzi ungasezantsi.
BONA XHOSA - May 1996 7

Imfundo yabadalii











Okanye liwaka, namakhulu amahlanu namashumi amabini ananye eerandi neesenti ezingashumi asixhenxe.

Umsebenzi 2
Yenza uphawu kweyona mpendulo ichanileyo.
- - - -	EJ	Ngamashumi amathathu nane eerandi,
		neesenti ezingamashumi amabini
	J	Ngamashumi amathathu nane eerandi
		neesenti ezimbini

LJ Likhulu namashumi amahlanu anambini
		eerandi, neesenti ezingamashumi amahlanu
		nantathu
	J	Liwaka namashumi amahlanu anambini
		eerandi neesenti ezingamashumi amahlanu
		nesithathu.

cJ Ngamashumi asibhozo eerandi neesenti
		ezisibhozo
	LJ	Ngamashumi asibhozo eerandi neesenti
		ezingamashumi asibhozo


Yenza ngathi ufuna ukutsala i-A2 498,25 kwiMegabank.
Zalisa oko kwifomu. Yisayine uze uyithumele kuthi.
Umntu oyizalise kakuhle uya kuzuza i-R50!
Isihlomelo semfundo yabadala sibhalwa yiThe English Literacy Project ejohannesburg. Kuzobe uGill Nicolson







8 BONA XHOSA - May 1996

lmfundo Yesondo

Eyona nto kuthethwa kakhulu ngayo ezikolweni kule mihla lisondo. Kodwa ke awunakuthetha ngesonclo ube ungathethi ngokukhusela impilo yakho. lsifo seAIDS neHlV zizifo eziyingozi ezinokukubulala. Kule nyanga uTyhila Ufunde

ukuchazela nzulu ngesi sifo.

UKuphla uneAlDS
E
 buncinaneni basisigidi abantu atanentsholongwane
yeHlV eMzantsi-Afrika. Kwabangaphezu kwesiqingatha kubo, Ie ntsholongwane iza kubenza babe nesifo seAIDS
esiya kubabutala.
Wonk umntu ukhe eve kuthethwa ngeAfDS. Ngaba ziyinyaniso kangakanani izinto ozaziyo ngesi sifo? Xa ucinga ukuba sihlasela abantu abadala okanye amakhanuka odwa, nokuthi sinokukusulela ngokutya nomhlobo wakho onaso - awukayazi inyaniso ngaso! Ungabi ngomnye wabantu abacinga ukuba izinto ezimbi zenzeka kwabanye abantu kuphela.

Yintoni iAIDS neHIV?
Nangona iAIDS iya sesinye sezifo ezisuba imiphefumlo yabantu abaninzi, ayisosifo esikusuleta njengomkhuhlane. Xa ingakusuleli ngolo hlobo, ikusulela njani ke?
Ngaphambi kokuba umntu abe neAIDS usuletwa yintsholongwane yeHlV. l-HIV yintsholongwane engena emzimbeni ize ihlasele izikhuseli-mzimba zakho. Umntu unezikhusoli-mzimba ezisikhusela ekuguleni nakwizifo. Le ntsholongwane iyazibulala ukuze imizimba yethu ingabinako ukukhuseleka kwizifo ezithile.

Abanye abantu ababonakalisi zimpawu zokuba basutelwe yintsholongwane yeHlV iinyanga okanye iminyaka emininzi. l-HIV inokukhawufeza ikwenze ube neAtDS. Nazi ezinye zeempawu zabantu abaneAlDS:

basoloko bediniwe abanye baba namadfala adumbileyo bayancipha kakhutu emzimbeni baba nezihlunu ezingomelelanga

baba nesifo sobuchopho
Yonke imihla bamatunga nama-350 abantu baseMzantsi-Afrika abasulelwa yintshotongwane yeHlV, kanti uninzi lwabo luneminyaka engaphantsi kwama-25. Oko kubonisa ukuba
ayisuleli abantu abadala, ulutsha oluphilileyo tweli lufa ,, fungekafikeleni nakwiminyaka ephakathi yobudala.


Nifundiswa ngephepha likaMondi












BONA XHOSA - May 1996 9

Imfundo Yesondo 
UThcthong uyazi ukuba iHIV ikusuela njani
I-AIDS ayigqithiselwa komnye umntu:
a) ngokukhohleta nangokuthimla
ngokuqubha kwichibi
likawonkewonke
b) ngokusela
ngekornityi
enye okanye ukutya
ndawonye
d) ngokutyiwa yingcongconi
nezinye
izinambuzane







Ikusulela njani ifflV?
Umntu ngamnye uneendtela acinga ukuba IHIV ikususela ngazo. Zibhale phantsi. Ndiqinisekile ezinye zezi ndlela ezingezantsi ezicingwa ngabantu ziya kuvela kuluhlu lwakho:
ngokuba nendibano yesondo ngokuncamisa umhlobo onesi sifo ngokusebenzisa indlu enye yangasese
ngokusela ebhotileni enye nomntu onayo
ngokuqubha kwichibi lokawonke-wonke
Ngaba zithini iimpendulo ezichanileyo? Makhe sijonge uluhlu lukaThabong:
Nangona zimbalwa izinto ezikufuhlu lukaThabong zonke zichanile. l-HIV igqithiselwa komnye umntu ngegazi elinayo, ngolwelo oluphuma kumalungu esini. Oku kuthetha ukuba kukho iindlela ezithile onokusulelwa ngayo yiyo.
Xa usulelwa yile ntsholongwane ngolwelo oluphuma kwilungu lobuntombi okanye elobudoda, oko kuthetha ukuba ubunendibano yesondo. Amagazi abantu adla ngokudibana ngokusebenzisa inaliti enye okanye usana oluzalwa ngunina.
Nangona kusenokuba IuIa ukuqonda ndlela ekusulela ngayo ngokusebenzisa naliti ebisetyenziswa ngumntu onayo, ukho ukubhideka ekusulelweni ngenxa okuba nendibano yesondo. Kubalulekile kuyiqonda le ndawo.

I-HIV neendibano zesondo
ininzi izinto ezingeyonyaniso ezithethwa igeAtDs nangeendibano zesondo. bantu abaninzi bakhe beve kusithiwa igamakhanukana odwa asulelwa yiAIDS. siyonyaniso leyo. l-Aids inokugqithiselwa omnye umntu ngokuba indoda ibe iendibano yesondo nebhinqa ngokunjalo iakwindoda efala nenye indoda okanye bhinqa eliba nendibano yesondo nelinye bhinqa.
Ukuncamisa okanye ukuphatha umntu oneAlDS akuyi kukwenza ikusulele. Ngoko akukho sizathu sokuba umoyike umntu onesi sifo - eneneni kufuneka ube ngumhlobo kuye.











IOBONA XHOSA - May 1996

Imfundo Yesondo
	Indlela yokuzikhusela	Unyango 1weAIDS
	lindibano zesondo yeyona ndlela idla	Okwangoku alukabikho unyango IweAIDS. Xa sikusulele
	ngokugqithiswa ngayo iHIV. Kubalulekile	esi sifo uhlala naso. Oko kuthetha ukuba unokuphila
	ngoko ukuzikhusela xa sewuqalise ukuba	ixesha e$ithile unesi sifo.
neendibano zesondo.
Ukuzikhusela kokona kubhetele kunokunyanga! Ukhumbule ukuba nawe inokukusulela!



Barbara othandekayo
Ndisandut ukwah$ukana nentombi ebendincuma nayo iminyaka emithathu. Ndikhathazekile ngeAIDS kuba bendisoloko ndizibona ndikhuselekile nentombi ebendincuma nayo. Ndingasiphepha njani esi sifo?
Unokukhetha kwizinto ezintathu:

	Ukungabinazo lindibano zesondo

	Ukuba nendibano yesondo nomntu ongenaso

	Ngokusoloko usebenzisa ikhondom kwindibano yesondo Amaxesha amaninzi kuba nzima ukubuza iqabane lakho ukuba Jikhe lasivavanyelwa na isifo seAIDS. Kufuneka ulibuze kanti kuba uzikhusela wena. Unelungelo lokwazll Nkqu nokuba alinayo IAJDS kubhetele ukusebenzisa ikhondom.

Barbara othandekayo
Ndineminyaka efi-1 6 yaye ndidla ngokuba neendibano zesondo nesithandwa sam. lngxaki yam kukuba ndive ukuba sinamanye amantombazana esincuma nawo. Ndinoloyiko lokuba ndineAlDS. Ndinokuyaphi ukuve ndivavanywe?

Unokuvavanyelwa esi sifo nakusiphi na isibhedle/e sikarhulumente kwell. Tsalela umnxeba kwisThhedlele esikufutshane nawe ucele ukuthetha nomcebisi. Lo mntu uqeqeshiwe ukuze ancede abantu basiqonde isifo seAIDS. Baya kukucebisa ngokwenzekayo ngaphambi nasemva kokuba uvavanyiwe.

ln most provinces, AIDS Training, lnformation and Counselllng Centres (ATICCs) also offer advice and assistance to alL You can phone them on:
Kukho iziyobisi ezisetyenziswayo ukusithomalalisa,, kodwa abukho ubungqina bokuba ngenene ayasithomalalisa. Ezo ziyobisi yiAZT neDDl. Zidla ngokubiza imali enkulu yaye abantu abaninzi abanayo imali yokuzithenga.








































Kubhale uUna Seery, kwazoba uDave Cockburn.


Nifundiswa ngephepha likaMondi
